Incwadana yoqeqesho lwezakhono yabantu abangaphangeliyo
Urhulumente uqalise inkqubo yoqeqesho entsha ebizwa ngokuba ziingqeqesho zezakhono. Ezi nkqubo zoqeqesho zivuleleke kubantu abangaphangeliyo. Le ncwadana ichaza indlela le nkqubo esebenza ngayo.
Yintoni uqeqesho lwezakhono?
Uqeqesho lwezakhono yinkqubo yokufunda ekhokelela kwinqwanqwa lemfundo lomsebenzi. Uqeqesho lwezakhono lubandakanya imfundo esekelwe kwigumbi lokufundela ekholejini okanye kwiziko loqeqesho nakuqeqesho lomsebenzi kwindawo yomsebenzi. Ukuze ube nako ukuthatha inxaxheba kuqeqesho lwezakhono into engundoqo ekufuneka yenziwe kukuba kufuneka kubekho umqeshi onomdla yaye onako ukunika amava omsebenzi.
Ngubani onokwenza isicelo soqeqesho lwezakhono?
Nabanina angasenza isicelo soqeqesho lwezakhono. Oku kuthetha ukuba uqeqesho lwezakhono kufuneka lube khona ukulungiselela abantwana abagqibayo ezikolweni nakwiikholeji nabantu abangaphangeliyo kwakunye nabantu abasele besebenza. Iingqeqesho zezakhono azinazithintelo nakwiliphina iqela leminyaka.
Ekutyumbeni abantu boqeqesho lwezakhono urhulumente uvumile ukuba noko i-85% yabafundi babe mnyama, i-54% ibe ngamakhosikazi ize i-4% ibe ngabantu abakhubazekileyo.
Luza kuxabisa malini?
Akukho ntlawulo ngomntu ongena kuqeqesho lwezakhono. Wonke umntu otyunjelwe inkqubo yoqoqosho lwezakhono makabhatalwe imali yemvume ngumqeshi. Imali ethe ngqo ixhomekeke kuhlobo loqeqesho lwesakhono. UMphathiswa wezemiSebenzi uvumele elona qondo liphantsi lemali-mvume neemeko kodwa umqeshi angabhatala ngaphezulu. Iimali-mvume neemeko zivunywa nomfundi ngamnye phambi kokuba inkqubo iqalise.
Ithatha ixesha elingakanani?
Ubude boqeqesho lwezakhono buza kwahlukana kodwa ngokuqhelekileyo akuyi kubangaphantsi konyaka omnye.
Kuthetha ntoni kum ukungenelela kuqeqesho lwezakhono?
Ukuba uvunyiwe kuqeqesho lwezakhono kuya kufuneka usayine isivumelwano esisemthethweni nomqeshi. Umntu okanye umbutho onika inxalenye yenkcazo eyingcingane yoqeqesho naye kufuneka asayine esi sivumelwano. Oku kuya kubeka elubala okufunekayo kuwe yaye noyakuthi ukwenze.
Ngoobani ababandakanyekayo kuqeqesho lwezakhono yaye zeziphi iinxaxheba zabo?
Umfundi ufakwa kuqeqesho lwezakhono, asayine isivumelwano esisemthethweni nomqeshi, esichaza amalungelo noxanduva lomfundi, aze alandele inkqubo yokufunda.
Umqeshi unika inxalenye yamava yoqeqesho lwezakhono aze asayine esi sivumelwano sisemthethweni sinye esichaza amalungelo noxanduva lomqeshi, ukuquka nezivumelwano kumgangatho wemali-mvume yoqeqesho lwezakhono.
Abanikezi boqeqesho banika uqeqesho endaweni yomqeshi baze basayine esi sivumelwano sisemthethweni sinye esichaza amalungelo noxanduva lomnikezi woqeqesho.
I-Sector Education and Training Authority (SETA) iququzelela ize iqhube ukuxhasa ngengxowa-mali uqeqesho lwezakhono kwindawo ethile yoqoqosho (umzekelo uthutho okanye ezokhenketho nohoyo), yaye iqinisekisa ukuba uqeqesho lukumgangatho woshishino (uqinisekiso lobulunga).
Isebe lezemiSebenzi lifumana, likhetha lize lithumele abantu abangaphangeliyo abafikelelayo kwezona nqobo zokulinanisa eziphantsi ngoqeqesho lwezakhono oluthile kubaqeshi abafuna abafundi. Umqeshi wenza isigqibo sokugqibela.
Ndiza kufumana ntoni ekupheleni koqeqesho lwezakhono?
Ukuba ufundo lugqityiwe ngokuphumeleleyo uza kuba nenqwanqwa lemfundo elaziwayo kwilizwe liphela. Ukungqina ukuba unenqwanqwa lemfundo uza kunikwa isiqinisekiso. Esi siqinisekiso siza kuchaza izakhono oyakube uzifundile.
Ingaba ndiza kuwufumana umsebenzi ndisakube ndilugqibile uqeqesho lwezakhono?
Ukuba awuphangeli ukuqalisa koqeqesho lwezakhono, akukho ngqiniseko yamsebenzi ekugqibeleni. Umqeshi okunike uqeqesho akanyanzelekanga ukuba akunike umsebenzi. Kodwa ngenqwanqwa lemfundo namava omsebenzi uza kubanethuba elingcono lokufumana umsebenzi kunakuqala. Unokucinga ngokufumana amanqwanqwa emfundo angaphezulu okanye ukuqalisa ishishini elilelakho.
Ndisenza njani isicelo soqeqesho lwezakhono ukuba andiphangeli?
Bhalisa kwiSebe lezemiSebenzi njengomfuni msebenzi ngokugcwalisa ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo nefom ebonisa umdla wakho. Yibuyisele kubasebenzi beziko lezabasebenzi okanye uyiposele kubo.
Soloko ugcine iinkcukacha zakho zonxibelelwano zilungile.
Iziko lezabasebenzi liza kunxulumana nawe ukuba uyahlangabezana nezona nqobo ziphantsi zoqeqesho lwezakhono lomqeshi othile.
Ukuba uyahlangabezana neenqobo unokubizelwa kwiseshoni yokunikwa amagqabantshintshi novavanyo olungakho phambi kotyumbo lokugqibela.
UBHALISO LOMFUNI MSEBENZI
Iinkcukacha zomntu
Ifani:
Amagama okuqala:
Idilesi:
Unxibelelwano lomnxeba:
Umhla wokuzalwa:
Ibala:
Indiya
Ulwimi lwasekhaya:
Ezinye iilwimi:
Isini:
Indoda
Owasetyhini
Unalo naluphina ukhubazeko?
Ewe
Hayi
Ukuba kunjalo, nceda chaza?
Ingaba ungummi waseMzantsi Afrika/
Ewe
Hayi
Ukuba hayi, buthini ubuzwe bakho?
Unalo iphepha-mvume/ilayisenisi?
Iziqinisekiso zemfundo
Izifundo
Umqondiso
Imfundo yasemva kwematriki:
Imfundo
Unyaka efunyenwe ngawo
Amava omsebenzi
Umqeshi
Isithuba
Ixesha elingakanani
Isizathu sokuhamba:
Ndiqinisekisa ukuba le nkcazelo ingentla iyinyaniso.
Intsayino-gama yomenzi sicelo
Umhla
BONISA UMDLA WAKHO
Nalu uluhlu lwemihlaba yemfundo emininzi nemisebenzi ethile onokukwazi ukuyenza kumhlaba wemfundo. Yenza ngathi uyakwazi ukwenza yonke imisebenzi, nika amanqaku umhlaba wemfundo ngamnye ngokubhekiselele kwindlela othanda ngayo nowonwabela ngayo imisebenzi kuloo mhlaba wemfundo. Njalo iintsebenzwana zokuzonwabisa zinganika isikhombiso semidla yakho. Ukuba uthanda omnye kuphela kwimisebenzi echaziweyo njengomzekelo kumhlaba wemfundo, krwela umgca ngaphantsi komsebenzi uze unike amanqaku loo mhlaba wemfundo ngokubhekiselele ekuthandeni loo msebenzi ukrwelelwe umgca ngaphantsi. Uniko manqaku malwenziwe ngolu hlobo lulandelayo: 1 - Andithandi konke konke, 2 - Andithandi, 3 - Ukuthanda okuphakathi, 4 - Ndiyathanda, 5 - Ndithanda kakhulu
Umhlaba wokufunda
Andithandi konke konke
Andithandi
Ukuthanda okuphakathi
Ndiyathanda
Ndithanda kakhulu
Ezolimo nemfuyo nolondolozo lwendalo.
Ukwenza ukutya ngokufuya. Ukukhathalela izitiya, amahlathi nendalo. Ukulima isivuno nokufuya izilwanyana, ukusebenza kwiipaki, izitiya namahlathi kunye nolondolozo lwendalo.
Inkcubeko nobugcisa.
Ukwenza izinto ezintle okanye ukwenza imisebenzi yokonwabisa abantu. Izinto ezenziwe ngodongwe nomsebenzi wentsimbi, ukudanisa, ukucula, umculo, ezemidlalo, imiboniso bhanyabhanya nokufota, umabonakude, ividiyo, umdlali weqonga, uyilo lokuhombisa, ukwenza imifanekiso yobugcisa nemizobo.
Ezoshishino, uqoqosho nolawulo. Ukuququzelela, ukucwangcisa nokuqinisekisa ukuba inkampani iqhutywa ngokukuko. Ukwenza amaxwebhu ezezimali enkampani, ukulawula inkampani, ukulawula uluntu (abasebenzi), ukuthenga impahla yenkampani, ukurhwebela iimveliso zenkampani, ulawulo lwe-ofisi, ukulawula unxulumano lwenkampani noluntu, oko kutsho unxulumano loluntu.
Izifundo zonxibelelwano nolwimi. Ukusebenzisa ulwimi ngenjongo yokunceda abantu ukuba bakwazi ukufumana ulwazi ngokuthetha nangokubhala. Umguquli, intatheli yemagazini yephepha ndaba, ingcali yolwimi, umqulunqi wamalungelo okubhala, ukubhala amanqaku okanye amaxwebhu.
Imfundo, uqeqesho nophuhliso. Ukufundisa nokuqeqesha abantu. Umfundisi ntsapho wezikolo, amaziko emfundo ephakamileyo njengeeYunivesithi, iiTeknikhoni neeKholeji zobuGcisa, ukufundisa abantwana abancinci (uphuhliso lwabantwana abasakhulayo).
Ukuvelisa, ubunjineli nobugcisa. Ukuzoba oomatshini, iibhulorho, iinqwelomoya, oomatshini bombane nabokutsala amaza omoya, ukwenza nokudibanisa iinxalenye zoomatshini ukuze zibe nokusebenza kakuhle, kunye nezemigodi.
Ufundo ngezoluntu nentlalo. Ukufunda izimbo zabantu ukuze ube nokubanceda. Ukusebenza nabantu nokuphuhlisa abantu (I-Psychology noqeqesho lwezakhono zobomi), izifundo zezakwalizwi (umfundisi nompriste), ezembali, ufundo ngomhlaba nezizathu zokuba abantu bahlale ezidolophini (ezendalo), ukufunda ngonxulumano loluntu (ingcali yezoluntu), ufundo ngoluntu lwakudala kwanezilwanyana (Inzululwazi ngezakudala).
Ezomthetho, inzululwazi ngezobujoni nokhuseleko. Ukujonga ukhuselo nokhuseleko loluntu nobulungisa elizweni. Ezobupolisa, amagqwetha abatshutshisi, iinkonzo zoluleko (intolongo), ukulandela ikhondo lobujoni, (ezomkhosi, ezeenqanawe, ezasemoyeni).
Inzululwazi ngezempilo neenkonzo zentlalo. Ukunceda abantu ngokukhathalela impilo yabo yomzimba neyengqondo nokuphila. Ukukhusela ukugula, ukuphuhlisa impilo, ukunakekela abantu abagulayo, ukonga, umququzeleli wenqwelo yezigulane, amakhondo ngezamayeza, intlalontle.
Inzululwazi ngezezibalo, ezomzimba, ezekhompyutha nezobomi. Ukusebenza ngamanani ukusombulula iingxaki, ukusebenza ngeekhompyutha ukugcina imibhalo yolwazi nokusebenza ngezinto eziphilayo. Ufundo ngekhompyutha, ingcali yezibalo, ibhayoloji (ufundo ngezityalo nezilwanyana).
Iinkonzo. Ukunceda abanye abantu njengokunceda abantu kwiindawo zokutyela nasezihotele nakwezinye iindawo zolonwabo, ukusebenza njengompheki oyintloko ehotele, umkhokeli wabakhenkethi, i-arhente yotyelelo, unogada, uthutho njengomqhubi weteksi, umqhubi webhasi, ukhathalelo lomntu njengokulungisa iinwele, ukunakekela abadala, umsebenzi wezinto zekhaya, ukusebenza ehotele, ukusebenza ekuthengiseni (umthengisi).
Ucwangciso lokuphathekayo nokwakha.
Ukucwangcisa nokuzoba izakhiwo njengenzululwazi ngokwakha, ukwakha izindlu, ukwakha iindlela neebhulorho, ukufaka iingcingo zombane kwizakhiwo.
Isishwankathelo sezinto ezinika umdla
Bhala imihlaba yokufunda obuzinike kuyo awona manqaku aphezulu phantsi.
I-Ofisi zamaPhondo zeSebe lezemiSebenzi
Amaziko ezemisebenzi esebe lezemiSebenzi
Mpumalanga
